❃ 𝗧𝗲 𝗗𝗲𝘂𝗺 ❃ 𝗦𝗶𝘆𝗮𝗸𝘂𝗱𝘂𝗺𝗶𝘀𝗮 𝗧𝗵𝗶𝘅𝗼 , 𝘀𝗶𝘆𝗮𝗸𝘂𝘃𝘂𝗺𝗮 𝘂𝗸𝘂𝗯𝗮 𝘂𝗻𝗴𝘂 𝗬𝗲𝗵𝗼𝘃𝗮𝗵° ♡

Описание к видео ❃ 𝗧𝗲 𝗗𝗲𝘂𝗺 ❃ 𝗦𝗶𝘆𝗮𝗸𝘂𝗱𝘂𝗺𝗶𝘀𝗮 𝗧𝗵𝗶𝘅𝗼 , 𝘀𝗶𝘆𝗮𝗸𝘂𝘃𝘂𝗺𝗮 𝘂𝗸𝘂𝗯𝗮 𝘂𝗻𝗴𝘂 𝗬𝗲𝗵𝗼𝘃𝗮𝗵° ♡

Siyakudumisa Thixo,siyakuvuma ukuba
unguYehova
Umhlaba wonke ubedesha wena,uyise
ongunaphakade
Zonke iingelosi zimemeza kuwe,kwa
nezulu
nawo onke amandla akulo
Ikherubime neserafime,zimana
zimemeza
kuwe
se Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele ; Yehova,Thixo
wemikhosi
Izulu lizele kwa namhlaba,bubukhulu
bobugcwalisa bakho
Umhlaba obungcwalisa
wabapostile,uyakudumisa
Amakholwane amahle
aabaprofeti,ayakudumisa
Umkhosi odumileyo wabafele
wena, uyakudumisa
ITemente engcwele kulo lonke
ilizwe,iyakuvuma
UYise!!!obukhulu bungenambaliso
UNyana wakho emnye, odumileyo
,oyinene
Kwa noMoya oyiNgcwele,umOnwabisi
UnguKumkani wobugcwalisa wena
Kristu
Wena unguNyana ongunaphakade,w
oYihlo.

Uthe wena wakunyula umsebenzi
wokusindisa abantu,akwasidela isizalo
sentombi
Uthe wakuba weyisile ubukhali
bokufa,wavulela bonke abakholwayo
ubukumkani bezulu
Siya kholwa ukuba woza,ube
ngumGwebi
wethu

Siyakuthandaza ngoko,siza izicaka
zakho,ezithengileyo ngegazi ndwaba-
nye
nabagcwele bakho,ebugcwaliseni
obungunaphakade
NKOSI!!!sindisa abantu
bakho, uthamsanqelise
ilifa lakho
Bathathe,ubaphakamise,kude kube
ngunaphakade

Thina,imihla ngemihla,sikwenza ,mkhulu
wena
Sihlala sibedesha igama lakho.kude
kube ngunaphakade
Sincede Nkosi!!!usilondoloze ngale
mini singabi nasoono
Nkosi, z'usiphathe ngetaru, z'usiphathe
ngetaru
Nkosi itaru lakho ma lihle phezu
kwethu nje
ngokuba ithemba lethu likuwe
Nkosi ndithembe wena ma ndingaze
ndidaniswe

Комментарии

Информация по комментариям в разработке