Hymn 314♡ Yilwani imfazawe! Idabi lokholo. Xhobani zonk' izixhobo Zomkhosi kaThixo! ³⁰/⁰³/²⁰¹³ ♥ ♥

Описание к видео Hymn 314♡ Yilwani imfazawe! Idabi lokholo. Xhobani zonk' izixhobo Zomkhosi kaThixo! ³⁰/⁰³/²⁰¹³ ♥ ♥

Yilwani imfazawe!
1.Idabi lokholo.
Xhobani zonk' izixhobo
Zomkhosi kaThixo!

2.Binqan' inyaniso,
Thiyan' ubuxoki ;
Nobumene-mene bonke,
Mabuchaswe nini.

3.Nxibani niphela
Ingcina-sifuba,
Esinqhin' ubulungisa,
Kubo bonk' abantu.

4.Xhobani ukholo,
Ma lube likhaka.
Lokuvika zonk' iintolo,
Zokhohlakeleyo.

5.Thwalani umnqwazi
Walo uSindiso ;
Niphath' ikrele lo Moya
IZwi lika Thixo.

6.Naazo izixhobo,
Makroti akwaThixo ;
Thandazani ningaphezi,
Hlalani kuMoya.

7.Lowo woyisayo,
Ndomhlalisa nami,
Njengoko naM ndooyisayo,
Ndahlala noBawo.

Комментарии

Информация по комментариям в разработке